IMIYALELO EBALULEKILEYO YOKHUSELEKO
Xa usebenzisa isixhobo sombane amanyathelo
okhuseleko asisiseko kumele alandelwe, ukuquka oku
kulandelayo:
ISILUMKISO: Ukunciphisa umngcipheko wokutha,
ukukhatywa ngumbane, umlilo, umonzakalo ebantwini
okanye udandalaziso kumandla agqithisileyo
emayikhroweyivu:
1. Funda yonke imiyalelo phambi kokusebenzisa
isixhobo.
2. Sebenzisa esi sixhobo kuphela ngenjongo
esenzelwe sona njengoko kuchaziwe kule
manyuwali. Musa ukuzisebenzisa iikhemikali
ezidlayo okanye zemiphunga kwesi sixhobo. Olu
hlobo lweoveni luyilwe ngokukodwa ukwenza shushu,
ukupheka okanye ukomisa ukutya. Ayiyilelwanga
ukuba isetyenziselwe ezorhwebo okanye
kwilabhoretri.
3. Musa ukuyisebenzisa ioveni xa ingena nto.
4. Musa ukusisebenzisa esi sixhobo ukuba sinentambo
okanye iplagi eyonakeleyo, ukuba ayisebenzi
ngokufanelekileyo okanye ibiyonakele okanye ibiwile.
Ukuba intambo yesibonelelo yonakele, kufuneka
itshintshwe ngumenzi okanye iarhente yayo
yomsebenzi okanye ngokufanayo umntu
oqeqeshiweyo ukuze uphephe ingozi.
5. ISILUMKISO: Bavumele abantwana bayisebenzise
ioveni ngaphandle kokujongwa kuphela xa
benikezwe imiyalelo eyaneleyo ukuze umntwana
akwazi ukuyisebenzisa ioveni ngendlela
ekhuselekileyo kwaye uyaziqonda iingozi
zokusetyenziswa ngokungafanelekanga.
6. Ukunciphisa umngcipheko womlilo kumphakathi
weoveni:
Xa usenza shushu ukutya kwisiqulatho seplastiki
okanye sephepha, yikhangele rhoqo ekwenzekeni
kokulumekeka.
Shenxisa amaqhina ojikajiko ocingo kwiibhegi
zephepha okanye zeeplastiki phambi kokubeka
ibhegi kwioveni.
Ukuba kuqatshelwe umsi, sicime okanye usisuse
eplagini isixhobo kwaye ulugcine luvalekile ucango
ukuze kufuthaniseleke nawaphi na amadangatye.
Musa ukuwusebenzisa umphakathi ngeenjongo
zokugcina. Musa ukushiya iimveliso zamaphepha,
izixhobo zokupheka okanye ukutya kumphakathi xa
ingayisebenzi.
7. ISILUMKISO: Into engamanzi okanye okunye ukutya
akufuneki ukuba kufudunyezwe kukwiziqulatho
ezitywiniweyo ngenxa yokuba zinokugqabhuka.
8. Ukwenza shushu iziselo ngemayikhroweyivu
kungabangela ukubilisa okudubulayo
okubambezelekileyo, ngoko ke kufuneka
kuthabathwe inkathalo xa kuphathwe isiqulatho.
9. Musa ukugcada ukutya kwioveni. Amafutha ashushu
angawonakalisa amalungu nezixhobo kwaye oko
kungade kubangele ukutsha kofele.
10. Amaqanda akumaqokobhe wawo kunye namaqanda
abilisiweyo akumele enziwe shushu kwiioveni
zemayikhroweyivu kuba angadubula emva kokuba
kuphelile ukushushubeza imayikhroweyivu.
11. Kuchwele ukutya okunezikhumba ezomeleleyo
njengamazambane, izikwashi ezipheleleyo, iiapile
nee-chestnut phambi kokuba ukupheke.
12. Iziqulatho zeebhotile zokondla neejagi zabantwana
kumele zizanyiswe okanye zihlukuhlwe kwaye
iqondo lobushushu kufuneka likhangelwe phambi
kokunikezwa ukuthintela ukutsha.
13. Izixhobo zokupheka zinokuba shushu ngenxa
yobushushu obugqithiswa busuka ekutyeni
okwenziwe shushu. Izibambi-mbiza zinokudingeka
ukuphatha izixhobo.
14. Izixhobo kumele zikhangelwe ukuqinisekisa ukuba
zikufanele na ukusetyenziswa kwioveni
yemayikhroweyivu.
15. ISILUMKISO: Kuyingozi nakubani na ngaphandle
komntu oqeqeshiweyo ukuphatha nayiphi na inkonzo
okanye ukulungiswa komsebenzi oquka
ukushenxiswa kwayo nayiphi na ikhava enikeza
ukhuselo oluchasene nodandalazo kumandla
emayikhroweyivu.
16. Le mveliso isisixhobo sika-Group 2 Class B ISM.
Inkcazelo ka-Group 2 equlethe sonke isixhobo
se-ISM (esoRhwebo, esobuNzululwazi nesoNyango)
ekulapho amandla efrikhwensi yerediyo enziwayo
kwaye/okanye asetyenziswa ngabom kwimo
ye-electromagnetic radiation eyenzelwe ukunyanga
imathiriyeli, nokutakisa iintlantsi kwisixhobo
esidlekayo. Kwisixhobo sika-Class B sisixhobo
esifanelwe ukusetyenziswa kwizakhiwo zasekhaya
nakwizakhiwo ezihlangene ngokuthe ngqo
kwinethiwekhi yesibonelelo sombane onevoltheji
ephantsi esthi ibonelele izakhiwo ukusetyenziselwa
injongo yasekhaya.
17. Esi sixhobo asenzelwanga ukusetyenziswa
ngabantu (ukuquka abantwana) abanobuchule
obuncinci ngenyama, ngengqiqo okanye
ngengqondo, okanye ukuswela amava nolwazi,
ngaphandleni kokuba banikezwe uqeqesho okanye
umyalelo ophathelele ekusetyenzisweni kwesixhobo
ngumntu onoxanduva lokhuseleko lwabo.